





























24 BONA XHOSA - May 1995






 MVANJE kufike ityendyana lomfo oneenwele ezizaphothe kwiiofisi zeBona, uSimphiwe Mfeka. Lo mfo. bekuliRasta, kuqala ndimamkele ndingamthembi.
UnguSihlalo wevukuzakhe Community Development Foundation eseMlazi, enjongo yayo ikukwenza amaphulo oluntu aqondwe kwiofisi YeRDP eThekwini. Nakuba leFoundation inamaRasta amane angabasunguli bayo kukho
amalungu ayo ali-1 2 akumaqela ngamaqela epolitiki, unqulo kwanecawa yakwashembe. Buyintoni ubuRasta?
Okokuqala usichazele ngemibala yobuRasta. lmibala ebomvu, eqanda noluhlaza yalo mfuziselo isekelwe kwiflegi yase-Ethiopia endala
eyayibomvu emzantsi, igolide phakathi ize ibe luhlaza emntla. Obomvu umela igazi labo bonke abantu base-Ethiopia elaphalazwa ukuze kuzuzwe inkululeko yeli lizwe lamandulo. Oqanda umela iminerali ebubutyebi beli lizwe uze oluhlaza umele uhlaza lwamasimiEthiopia.

Kungani bekhatha ilizwe lase-Ethiopia? Libaluleke ngantoni? Ndimbuzile.

IEthiopia yindawo eyayinesitiya sase-Edeni, iparadisi encinane esifunda ngayo eBhayibhileni apho uThixo wababeka khona abantu bokuqala uAdam noEva; kungenxa yoko i-Ethiopia ingazange ibe lithanga. Ingumzekelo wenkululeko, utshilo uSimphiwe.


















Xa engenzi nto amaRasfa enza ezobugcisa.

Thina maRasta sikholelwa kwimihla yokugqibela yeli hlabathi, ekuya kuthi emva kwayo sijongane noMhla Womgwebo, utyibele watsho.
Kuthekani ngentsangu? Ndimbuzile.
Usimphiwe undidizele ukuba amaRasta alwa kangangoko ukuba ukutshaywa kwentsangu kube semthethweni. Intsangu esiyibiza ngokuthi yi ganja okanye cannabis isisityalo seli lizwekazi. Abamhlophe bathintela imveliso yesityalo esilicuba labaNtsundu, bangenisa imveliso yasemazweni, imidiza eyingozi empilweni - imidiza nelinye icuba lenqawa laseNtshona nelaziwa libangela umhlaza!
lntsangu sisityalo esingeyongozi. Inik impilo -ndinokubaleka ukusuka kwiiofisi zeBona eMobeni ndisiya eMlazi ndingakhefuzeli, kanti abatshaya imidiza abanakwenjenjalo. Intsangu inceda uzikise ingqondo, ucinge kakuhle.
Kanti ke intsangu inokuza nemali eAfrika! Khawufan' ucinge nje ngezigidi zeerandi ilizwe lethu ebeliza kuzizuza ngokuthengisa intsangu kweli nakwamanye amazwe! Khawucinge nje ingeniso urhulumente wethu ebeza kuyifumana! Khawucinge nje ngokuvuleka kwamathuba emisebenzi ukuba amashishini entsangu ebevunyelwa asebenze kungekho miqathangol utshilo.
Ngenxa yoku siye kuMajor A.W. Ludick wesikhululo samapolisa iC.R. Swart Square eThekwini samcela ukuba imeko yethu ibe yeyaziwa ngokusemthethweni, sivunyelwe sisebenzise intsangu.
Usimphiwe utyibele wathi: Esi sityalo simangalisayo sikwanamandla okunyanga. Xa ufafaza nje uthuthu lwesi sityalo enxebeni, likhawuleza liphole! lkwaliyeza kumkhuhlane, isifo sephepha nombefu.
Ukubonisa ukuthi intsangu sisityalo esingenabungozi, usimphiwe uneDiploma Yokutshaya Intsangu. Esi setifikethi sivela ejamaica sichaza ukuthi abatshaya intsangu ababikwa hlaba.
Usimphiwe uchaze ukuba amaRasta abanjelwe ukutshaya intsangu kodwa ngokukhupha e diploma ichazwe ngasentla kwanasekuboniseni ukuthi angamaRasta aye akhululwe nemali yebheyile ayihlawuleyo ibuyiswe. Eneqhayiya uthe eli xwebhu liyilayisensi yabo yokumpakuza esi sityalo singavunyelwe.








 UJOHANNES MLAMBO odilesi ithi: 8 Lombard Street,
Monument Krugetsdorp, 1740, unama-25 eminyaka. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo, ukuphulaphula umculo wokholo nokubukela umabonakude. Amagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-16 nama-25 anokumbhalela ngesiNgesi, isiZulu, isiSuthu okanye isiTswana.



 USELAI SELAI odilesi ithi: Vaal Reefs No 8, Poom 1 3, P/Bag x1, Orkney. 2622 unama-38 eminyaka. Uthanda umculo wedisko, ukuphulaphula umculo wokholo nokuya etyalikeni. Ukuba ulibhinqa elineminyaka ephakathi kwama-30 nama-37, unokumbhalela ngesisuthu, isipedi, isiTswana okanye isiXhosa.



 UBENEDICT P. DLABA unama-22 eminyaka uthanda ukubukela iividiyo, iifilim nokuwaka waka. Ukuba uiigqiyazana elineminyaka ephakathi kwe-1 9 nama-24 unokumbhalela ngesiNgesi okanye isiSuthu, nantsi idilesi yakhe: 6983 Moshoeshoe Street, Rocklands Location, Blomefontein, 9307.




 UCAVENDISH M. LEHIHI odllesi ithi: P.O. Box 1015, Taung Station, 8580 unama-30 eminyaka. Uthanda ukufunda iincwadi zamaball, ukuphulaphula umculo wereggae nokudlala ichess. Unqwenela ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-18 nama-24. Mbhaleleni ngesisuthu kuphela.



 UTLALANE M. MOLOI unama-23 eminyaka ulinenekazi elithanda ukubukela umabonakude, ukufunda oomagazini nokuya etyalikeni. Ukuba ungumfo oneminyaka ephakathi kwama-25 nama-28 nali ithuba, mbhalele ngeslSuthu, idilesi ithi: P.O. Box 1 1 032, Mokodumela, 9868.










MABANGABETHWA
ABANTWANA -URHULUMENTE
UTSHO
kubhale UPRIMROSE WILLIAMS kufote UDAVE ELLINGER abafotiweyo bayalinganisa nje





KUTSHANJE uMphathiswa
wezoBulungisa, uMnu. Dullah Omar, ubhengeze ukuba urhulumente uza kuqulunqa umthetho oza kuphelisa ukohlwaywa kwabantwana abazizaphuli-mthetho ngokubethwa kwindibano elandelayo yepalamente.
Isohlwayo sokubethwa sisigwebo esidala esisetyenziswayo kwiinkundla zeli. Icandelo lama-294 leCriminal Procedure Act, lithi Xa inkwenkwe eneminyaka engaphantsi kwama-21 ifunyenwe inetyala, inkundla inako
Badla ngokohlwaywa ngokubethwa abantwana xa baphule umthetho, oko
kwenzelwa ukuba bangavalelwa entologweni. Ngoku urhulumente
omtsha uzama ukusiphelisa isohlwayo sokubethwa kwabantwana abazizaphuli-mthetho. Kazi baza kohlwaywa njani abantwana bengabethwa...

ukuyigweba ukuba ibethwe ngoswazi xa ingasiboni esinye isohlwayo esiyifaneleyo.
Amakhwenkwe azizaphuli-mthetho asithanda gqitha esi sohlwayo sokubethwa. Sisetyenziswa njengesohlwayo sokulungisa isimilo somntwana ukuze angavalelwa entolongweni apho aya kuba sesichengeni sokudlwengulwa nokusulelwa yiAIDS.
Nakubeni kukho imigaqo elandelwayo ukukhusela umntwana osisaphuli-mthetho owohlwaywa ngokubethwa,. idla ngokungalandela ngamagosa eentolongo akhohlakeleyo. Nantsi eminye yalo migaqo:
 kufuneka lube lula uswazi olusetyenziselwa ukohlwaya umntwana osisaphuli-mthetho:
 kufuneka umntwana axilongwe ngugqirha ngaphambi kokuba abethwe, ukuze abone ukuba uyakumelana na nako umzimba wakhe:
 kufuneka umntwana abethwe enxibe impahla yakhe;
 umntu okhethelwe ukohlwaya umntwana yinkundla kufuneka amohlwaywe ngokomfhetho nangokunenceba:
 kufuneka angohlwaywa ngemivumbo engaphezulu kwesixhenxe umntwana. Oko kuxhomekeka kwityala abekwe lona, kodwa kufuneka abethwe imivumbo esixhenxe xa enze ityala elikhulu.
lBona icele inkwenkwe eyake yohlwaywa yinkundla ngokubethwa ukuba ibalise okwenzekayo.
Ndabanjelwa ukulwa ndizikhusela xa ndandineminyaka eli-15 ubudala. Ndagwetya ukubethwa imivumbo esibhozo. Andizange ndixilongwe ngugqirha ngaphambi kokuba ndibethwe,
Ndathi ndakugwetywa, ndaqhutywa lipolisa elaliphethe umpu landisa kwigumbi obethelwa kulo izaphuli-mthetho. Ndafika apho ndashiywa emapoliseni amabini.
Athi mandikhulule yonke into endandiyinxibile emzimbeni wangezantsi. Lathi ipolisa lingibetha umvumbo wesithathu, lwaba uswazi selundikrazule inyama, ndisopha. Andizange ndikwazi ukuhlala ngeempundu inyanga yonke.
Kuphando lwethu sifumanise ukuba ezinye unkundla nezikhululo zamapolisa zikhetha umntu ezimaziyo ukuba ubetha nyhani ukuba ohlwaye izaphuli-mthetho ezingabantwana.
Ibona iphumelele ukufumana elinye lamapolisa aziwayo ngokubetha xa esohlwaya abantwana abazizaphuli-mthetho, yancokola nalo.
Andibaveli tu abantwana abazizaphuli-mthetho
endibabethayo. Yintoni


Yintoni enokukwenza ube novelwano nabo? Xa umntwana ophule
umthetho, ngaba kufuneka simbethe
	esandleni size simkhulule agoduke?
	Ukohlwaya ngokubetha kusetyenziselwa
ukunqanda izaphuli mthetho ezingabantwana okanye abantwana abafuna ukwaphula umthetho, utshilo.
Iyakuphikisa oko iLawyers For Human Rights (uMbutho Wamagqwetha Alwela Amalungelo Abantu). Isohlwayo sokubethwa kwabantwana abazizaphuli-mthetho asisebenzi. Abantwana abaninzi abake basifumane baphinda banze elinye ityala, nto leyo ibonisa ukuba akukho sifundo basifumanayo.
Umbutho weLawyers For Human Rights ubusoloko echasene nokohlwaywa kwabantwana abazizaphuli-mthetho ngokubethwa. Sikholwa kukuba sisohlwayo senkohlakalo nesingaqhelekanga, ngoko sinxamnye nomgaqo-siseko omtsha.

Sibuze iSebe loBulungisa ukuba licinga ukubohlwaya njani abantwana abazizaphuli-mthetho. Lisiphendule ngelithi:
Amazwe ehlabathi ebeyisombulula ingxaki
	yezaphuli-mthetho ezingabantwana
ngokuyeka ukubohlwaya ngokubabetha.
Kuxa umntwana eqhubeka nokwenza ulwaphulo-mthetho ake walohlwayelwa ngaphambili apho iinkundla ziya kusebenzisa igunya lazo zimthumele embuthweni ofanelekileyo oya kulungisa isimilo sakhe.
Siyazikhohlisa
ngokucinga ukuba
 abantwana abazizaphuli-mthetho banokubethwa de bakwazi ukuziphatha kakuhle.


ICHICKEN AND PUMPKIN CURRY


Khawulinge oku kutya kunekheri nokuvuzis' izinkcwe. Kuyakhawuleza, kulula ukukwenza,
IZITHAKO
50g (50m!) yeRama
2 amatswele amakhulu, anqunqwe
1 Om! yegaTiic, inqunqisiswe
1 OmI yeginger, inqunqisiswe
25m1 yekheri
inkuku e-1, isikwe ibe ngamaqatha
2 iitumato ezinkulu, zinqunqwe
750m1 yethanga, lichutywe, Iinqunqwe
libe ngamacala alinganayo
ityuwa nepepile ukwenzela incasa 25m1 yedhania leaves (ukuba uyafhanda)

1. Yenza shushu iRama, qhotsa
amafswele, igarlic neginger imizuzu emi-
5.
2.	Galela ikheri, qhofsa umzuzu omnye.
3. Galela amaqafha enyama yenkuku,
ithanga, ityuwa nepepile.
4. Zamisisa.
5.	Sibekela imbiza, pheka kwisitovu
esikubushushu obuphantsi ama-30
emizuzu.
6.	Galela idhania leaves, baphe
nerayisi.
(yanela aba-6)
Le resipi icatshulwe kwiRama Easy-To-Cook Book. Xa unemibuzo, bhalela kule dilesi: pO Box 1091. Dutban, 1000





UKUBA UHLALA
EVILJOENSKROON.

Nali ithuba lakho lokuya
kwIRAMA/BONA WOMENS CLUB



UMHLA: NgoMgqibelo, Meyi 13,
1995.
INDAWO:Kwiholo yeDutch
Reformed Church (NG Kerk) in
Africa
IXESHA: ngeye-2 emva kwemini
ukuya nge-4:30 emalanga
ISITHETHI SEMBEKO: NguNksk.
Mapulane Margaret Mbeloane
UMXHOLO:	Ukuphathwa kakubi
kwabantwana
Amanenekazi akummandla wasevlijoenskroon ayamenywa ukuba eze kwindibano ye Rama /Bona ethembisa ngokubang' umdla nokonwabisayo njengezinye iindibano.
Isazi ngokupheka uVeronica Mkari uza kube elapho njengesiqhelo ezonibonisa eminye imiboniso yakhe yodumo ekuphekeni, kukho nokuza konwabisa.
Njengezinye iindibano zeklabhu, kuza kubakho ukutsalwa kwetikiti eliwelwa ngum' esandleni kunye neemveliso zakwaRama njengamabhaso. Kuza kuphungwa neti. Le yindibano efundisayo ekungafanele ikuphose, ukuze afumane indawo yokuhlala, amanenekazi acetyiswa ukuba afike kwangethuba. Osisithethi sembeko uNksk. Mbeloane ngusajini wamaPolisa aseMzantsi-Afrika, kwaye emsebenzini wakhe udibene namatyala okuphathwa kakubi komntwana. Ukuxubusha kwakhe ngalo mbandela kufanele kube kokunomdla, uza kuchazela uluntu indlela yokufanisa amaxhoba okuphathwa kwakubi komntwana namanyatlielo amakathatyathwe kwezi meko.





36 BONA XHOSA - May 1995
ISHELL ROAD TO FAME IZA KUJIKELEZA


UDR HOUSE UPHINDILE	KWAKHONA
	lakhe elimnandi elithi Nkwesheng,
	uDr House ongaziwa kakuhle
	S
	emculweni uvumbuluke necwecwe
ledisko elimnandi elithi Vivo.
	t	lVivo yingqokelela yomculo
wokujuxuza eza kwenza wonk umntu asukume kwingoma yayo ephambili, nakanjani na iza kufhandwa ezilokishini.

Njengoko usazi, uDr House
ubalasele ngomculo wokujuxuza,
uvelisa izandi ezithandwa
	kuqu!unqwe ngUBONGANI HLATSHWAYO	nangubani na, kodwa akaziwa.
		  Mhlawumbi uza kuzichaza
		kwicwecwe lakhe elilandelayo.






Ekupheleni konyaka odluliteyo nasemva kwefayinali ebang impikiswano abaququzeleli beShell Road To Fame bagqibe ekubeni ukhuphiswano nonyakanje lube nomahluko.
Umcuio wakweli ungowodidi olutsha ojolise ekuphuculeni umculo waseMzantsi Afrika, luthabatha udidi lwangaphambili obeluyi Semiprofessinal.
Okuhambisana nenkqubo yokhuphiswano yokulungisetela iqonga lweemvumi zakweti ezingenamava, sokuze tutshintshe udidi lwemvumi ebalaseleyo ecula yodwa, olweqela elibalaseleyo, nolomdanisi okanye abadanisi - kodwa amacandelo anento yokwenza nokomthonyama sokuze atshintshe.
Sekuqalisiwe ukuvavanywa kwamazwi ukwenzela ukhuphiswano lowe-1 995. Luqhutyiwe ukhuphiswano ngojanuwari KwaNdebele, eGarankuwa, eMmabatho, epietersburg, eGiyani, eNelspruit, eBoksburg naseSoweto.
NgoFebruwari belusewelkom, eKhimbali naseBloemfontein. NgoMatshi belusevillage Green naseYMCA eThekwini zaza iifayinali zaseFreystati
!aqhutywa ngoMatshi 4
ISHEBA
lYAKHWA
NKQISA
lsithaft.u
sabaselyhini
esiculayo, uThuli Mhlanga, uGertrude Mdinjso noLauret Msibj, sithe gqi necwecwe laso lokuqata elithi Sgcebhezana elibang umdla emculweni ngesingqisho saso sokujuxuza, sesikhuphe elinye icwecwe elithi Bula Seke/e.
lSheba,
ekuziimvumi
ebezifudul
zisombelela iEbony, sele isibonisile isiphiwo sayo kwicwecwe tayo lesibini elithi llhemba Lami.
Xa
babengabajuxuzi abaneminyaka elishumi elivisayo baphumelela kukhuphiswano oluninzt bqza bathandwa kakhulu kwimijuxuzo eSoweto.
Ukuba ungumnfu othanda ukonwaba, ikulunegele iBula Sekele.



22 BONA XHOSA - May 1995

26 BONA XHOSA - May 1995

28 BONA XHOSA - 1ay 1995

		BONA XHOSA - May 1995 29

34 BONA XHOSA - May 1995

		:J::.Xl-loSA-May 1995 35

	Nonwabe neBONA nabakwaRAMA

